Waphendula uDavide, wathi kuAhimeleki umHeti, nakuAbhishayi, unyana kaTseruya, umzalwana kaYowabhi, Ngubani na oya kuhla nam aye kuSawule empini? Wathi uAbhishayi, Mna ndohla nawe.