Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 20:2-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Wathi yena kuye, Makube lee oko; akuyi kufa. Uyabona, ubawo akenzi nenkulu into, nencinane into, angayityhileli indlebe yam; ubawo uyifihleleni na ke le nto kum? Akunjalo.

3. Wafunga phezu koko uDavide, wathi, Uyihlo uyazi kakuhle ukuba ùndibabale; ùthi, Makangakwazi oku uYonatan, hleze abe buhlungu. Inene, ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, ngathi sisithuba esinye sokunyathela esiphakathi kwam nokufa.

4. Wathi uYonatan kuDavide, Into oyithethayo umphefumlo wakho, ndiya kuyenza.

5. Wathi uDavide kuYonatan, Uyabona, iya kuthwasa inyanga ngomso; ndifanele ukuhlala nokumkani, ndidle; ndíndulule, ndiye kuzifihla endle, kude kuhlwe ngosuku lwesithathu.

6. Ukuba uyihlo uthe wandifuna, wòthi wena, Úcele kum wandibongoza uDavide, ukuba agidime aye eBhetelehem emzini wakowabo; ngokuba kukho umbingelelo weminyaka ngeminyaka apho, owenzelwa umzi wonke wakowabo.

7. Ukuba uyihlo uthe, Kulungile: koba kuluxolo kumkhonzi wakho. Ke ukuba uthe wavutha kakhulu ngumsindo, yazi ukuba úgqibe kwelobubi.

8. Ngoko ke uze umenzele inceba umkhonzi wakho; ngokuba umngenisé emnqophisweni kaYehova umkhozi wakho lo nawe. Ke ukuba buthe bakho kum ubugwenxa, ndibulale wena ngokwakho; yini na ukuba undise kuyihlo?

9. Wathi uYonatan, Makube lee kuwe; ukuba ndithe ndazi kakuhle ukuba ubawo ugqibe kwelokuba ufikelwe bububi, ndibe ndingekuxeleli na?

10. Wathi uDavide kuYonatan, Hi, ukuba uyihlo ukuphendule kalukhuni, ndoxelelwa ngubani na?

11. Wathi uYonatan kuDavide, Hamba, siphume siye ezindle. Baphuma bobabini baya ezindle.

12. Wathi uYonatan kuDavide, Yehova, Thixo kaSirayeli! Xa ndithe ndamgocagoca ubawo malunga neli xesha ngomso nangomsomnye, kwabonakala ukuba kulungile kuDavide, ndaza andathumela kuwe, ndiyityhilele indlebe yakho:

13. makenjenje uYehova kuYonatan, makaqokele ukwenjenje. Xa kuthe kwalunga kubawo ukuba akwenze ububi, ndoyityhilela indlebe yakho, ndikundulule, uhambe unoxolo; uYehova makabe nawe, njengokuba ebenobawo.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 20