Wabaleka uDavide eNayoti ngaseRama, weza, wathi phambi koYonatan, Ndenzé ntoni na? Buyini na ubugwenxa bam? Síyini na isono sam phambi koyihlo, ukuba angxamele umphefumlo wam nje?