Wathi yena kuye, Makube lee oko; akuyi kufa. Uyabona, ubawo akenzi nenkulu into, nencinane into, angayityhileli indlebe yam; ubawo uyifihleleni na ke le nto kum? Akunjalo.