Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 20:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wabaleka uDavide eNayoti ngaseRama, weza, wathi phambi koYonatan, Ndenzé ntoni na? Buyini na ubugwenxa bam? Síyini na isono sam phambi koyihlo, ukuba angxamele umphefumlo wam nje?

2. Wathi yena kuye, Makube lee oko; akuyi kufa. Uyabona, ubawo akenzi nenkulu into, nencinane into, angayityhileli indlebe yam; ubawo uyifihleleni na ke le nto kum? Akunjalo.

3. Wafunga phezu koko uDavide, wathi, Uyihlo uyazi kakuhle ukuba ùndibabale; ùthi, Makangakwazi oku uYonatan, hleze abe buhlungu. Inene, ehleli nje uYehova, uhleli nje umphefumlo wakho, ngathi sisithuba esinye sokunyathela esiphakathi kwam nokufa.

4. Wathi uYonatan kuDavide, Into oyithethayo umphefumlo wakho, ndiya kuyenza.

5. Wathi uDavide kuYonatan, Uyabona, iya kuthwasa inyanga ngomso; ndifanele ukuhlala nokumkani, ndidle; ndíndulule, ndiye kuzifihla endle, kude kuhlwe ngosuku lwesithathu.

6. Ukuba uyihlo uthe wandifuna, wòthi wena, Úcele kum wandibongoza uDavide, ukuba agidime aye eBhetelehem emzini wakowabo; ngokuba kukho umbingelelo weminyaka ngeminyaka apho, owenzelwa umzi wonke wakowabo.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 20