Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 2:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Wathandaza uHana, wathi,Intliziyo yam idlamkile ngoYehova,Uphondo lwam luphakanyisiwe nguYehova.Uvulekile umlomo wam kakhulu ngazo iintshaba zam;Ngokuba ndivuyele usindiso lwakho.

2. Akukho uyingcwele njengo Yehova;Ngokuba akukho namnye ngaphandle kwakho;Akukho liwa linjengoThixo wethu.

3. Musani ukukwandisa ukuthetha izinto eziphakamileyo, izinto eziphakamileyo,Kungaphumi ntetho yakuhlakanipha emlonyeni wenu;Ngokuba uYehova nguThixo owazi konke,Yena nguMlinganisi wezenzo eziyincamisa.

4. Izaphetha zamagorha zaphukile,Abakhubeki babhinqiswe amandla.

5. Abahluthiyo baziqeshisela isonka,Abalambileyo baza kuphela ukulamba,Ade nongazaliyo azale isixhenxe,Onabantwana abaninzi antshwenye.

6. UYehova uyabulala, adlise ubomi;Uhlisela kwelabafileyo, abuye anyuse.

7. UYehova uyahlwempuza, atyebise;Uthoba, abuye aphakamise.

8. Uvusa eluthulini abasweleyo,Aphakamise amahlwempu ezaleni,Ukuba awahlalise namanene;Uwabela ilifa elisihlalo sozuko;Ngokuba zezika Yehova iintsika zehlabathi,Walimisa phezu kwazo elimiweyo.

9. Iinyawo zabàkhe benceba uya kuzigcina,Abangendawo badake ebumnyameni;Ngokuba indoda ayeyisi ngamandla.

10. UYehova yena — baya kuqhiphuka umbilini ababambana naye.Uya kududumisa phezu kwabo emazulwini;UYehova uya kuzigweba iziphelo zehlabathi,Amnike ukumkani wakhe amandla,Aluphakamise uphondo lomthanjiswa wakhe.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 2