Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 17:18-34 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. use nezonka zamasi ezi zilishumi kumthetheli-waka, ubavelele abakhuluwa bakho, ubuze ukuphila kwabo, uthabathe isibambiso kubo.

19. USawule ke, kwanabo, namadoda onke akwaSirayeli, ayesentilini kaEla, esilwa namaFilisti.

20. Wavuka kusasa uDavide ngengomso, wayishiya impahla emfutshane nomgcini, wathabatha, wahamba, njengoko wamwiselayo uYese umthetho, wafika eluthangweni lweenqwelo zokulwa, umkhosi uphuma usiya kuma eluhlwini, uhlaba umkhosi.

21. AmaSirayeli namaFilisti ákha izintlu, uluhlu lukhangelene noluhlu.

22. UDavide wayishiya impahla yakhe esandleni somgcini wempahla, wabaleka waya eluhlwini; wafika, wababuza abakhuluwa bakhe ukuphila kwabo.

23. Akubon' ukuba uyathetha nabo, nantso inyuka indoda indoda efuna undikho, umFilisti waseGati, egama linguGoliyati, ivela ezintlwini zamaFilisti, yathetha kwalaa mazwi; weva ke uDavide.

24. Onke amadoda akwaSirayeli, akuyibona indoda leyo, asaba ebusweni bayo, oyika kunene.

25. Athi amaSirayeli, Niyibonile na le ndoda inyukayo? Kuba inyuka isiza kungcikiva amaSirayeli; yothi indoda ethe yayibulala, ityetyiswe ngukumkani ngobutyebi obukhulu, ayinike intombi yakhe, ayenze indlu kayise ikhululeke kwaSirayeli.

26. Wathetha uDavide kumadoda abemi ngakuye, wathi, Yothiwani na indoda embuleleyo lo mFilisti, yayisusa ingcikivo kwaSirayeli? Ngokuba úngubani na umFilisti, le nto ingalukileyo, ukuba ade angcikive izintlu zikaThixo ophilileyo?

27. Bathetha abantu kuye ngokwelaa lizwi, bathi, Úya kwenjiwa nje umntu ombuleleyo.

28. Wayekuva uEliyabhi, umkhuluwa wakhe, ukuthetha kwakhe namadoda. Wavutha umsindo kaEliyabhi kuDavide, wathi, Uhleleni na? Uyishiye nabani na laa mpahla imfutshane imbalwa entlango? Ndiyakwazi mna ukukhukhumala kwakho, nobubi bentliziyo yakho; ngokuba uhle uzé kubonela ukulwa.

29. Wathi uDavide, Ndenzéni ngoku? Bendibuza nje kodwa.

30. Wee guququ, wabheka komnye obemi ngakuye, wathetha kwaelaa lizwi. Abantu babuya bamphendula kwangelaa lizwi lokuqala.

31. Aviwa amazwi awawathethayo uDavide, axelwa phambi koSawule, wamthabatha.

32. Wathi uDavide kuSawule, Makungathambi ntliziyo yamntu ngenxa yakhe; umkhonzi wakho lo uya kuya alwe nalo mFilisti.

33. Wathi uSawule kuDavide, Akunakuya kulo mFilisti ulwe naye; ngokuba ùsemncinane, abe yena eyindoda eqhele ukulwa kwasebuncinaneni bakhe.

34. Wathi uDavide kuSawule, Umkhonzi wakho lo ebesalusa impahla emfutshane kayise, kwafika ingonyama nebhere,* yathabatha ixhwane emhlambini;

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 17