Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Usamuweli 17:17-25 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Wathi uYese kuDavide unyana wakhe, Khawuphathele abakhuluwa bakho iefa* yamakhweba la, nezonka ezi zilishumi, ugidime uye emkhosini kubakhuluwa bakho,

18. use nezonka zamasi ezi zilishumi kumthetheli-waka, ubavelele abakhuluwa bakho, ubuze ukuphila kwabo, uthabathe isibambiso kubo.

19. USawule ke, kwanabo, namadoda onke akwaSirayeli, ayesentilini kaEla, esilwa namaFilisti.

20. Wavuka kusasa uDavide ngengomso, wayishiya impahla emfutshane nomgcini, wathabatha, wahamba, njengoko wamwiselayo uYese umthetho, wafika eluthangweni lweenqwelo zokulwa, umkhosi uphuma usiya kuma eluhlwini, uhlaba umkhosi.

21. AmaSirayeli namaFilisti ákha izintlu, uluhlu lukhangelene noluhlu.

22. UDavide wayishiya impahla yakhe esandleni somgcini wempahla, wabaleka waya eluhlwini; wafika, wababuza abakhuluwa bakhe ukuphila kwabo.

23. Akubon' ukuba uyathetha nabo, nantso inyuka indoda indoda efuna undikho, umFilisti waseGati, egama linguGoliyati, ivela ezintlwini zamaFilisti, yathetha kwalaa mazwi; weva ke uDavide.

24. Onke amadoda akwaSirayeli, akuyibona indoda leyo, asaba ebusweni bayo, oyika kunene.

25. Athi amaSirayeli, Niyibonile na le ndoda inyukayo? Kuba inyuka isiza kungcikiva amaSirayeli; yothi indoda ethe yayibulala, ityetyiswe ngukumkani ngobutyebi obukhulu, ayinike intombi yakhe, ayenze indlu kayise ikhululeke kwaSirayeli.

funda isahluko epheleleyo 1 Usamuweli 17