Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 20:1-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke kaloku uBhen-hadade, ukumkani wama-Aram,* wayibutha yonke impi yakhe; enokumkani abangamashumi amathathu anababini, namahashe, neenqwelo zokulwa; wenyuka, wawungqinga umzi wakwaSamari, walwa nawo.

2. Wathumela abathunywa kuAhabhi, ukumkani wakwaSirayeli, kuloo mzi, wathi kuye,

3. Utsho uBhenhadade ukuthi, Isilivere yakho negolide yakho yeyam, nabafazi bakho nabantwana bakho abo bahle ngabam.

4. Waphendula ukumkani wakwaSirayeli, wathi, Ngokwelizwi lakho, nkosi yam, kumkani, ndingowakho, nako konke endinako.

5. Baphinda abathunywa, bathi, Utsho uBhen-hadade ukuthi, Ndathumela kuwe, ndisithi, ndinike isilivere yakho, negolide yakho, nabafazi bakho, nabantwana bakho;

6. ukuba ndithe, mayela neli xa ngomso, ndabathumela kuwe abakhonzi bam, bayigquthagqutha indlu yakho, nezindlu zabakhonzi bakho: bothi, konke okuthandekayo emehlweni akho bakuthabathe ngesandla sabo, bemke nako.

7. Ukumkani wakwaSirayeli wabiza onke amadoda amakhulu elizwe, wathi, Qondani ke nibone, ukuba lo ungxamele ububi; ngokuba ubethumele kum, ebiza abafazi bam, nabantwana bam, nesilivere yam, negolide yam; andamangala.

8. Athi kuye onke amadoda amakhulu nabantu bonke, Musa ukuphulaphula, uze ungavumi.

9. Wathi ke kubathunywa bakaBhen-hadade, Nothi enkosini yam ukumkani, Yonke into obumthume yona umkhonzi wakho ngokokuqala, ndoyenza; le nto yona andinakuyenza. Bemka ke abathunywa, babuya nelo lizwi.

10. Wathumela uBhen-hadade kuye, wathi, Mabenjenje oothixo kum, baqokele ukwenjenje, ukuba luthe uthuli lwakwaSamari lwalingana ukuzalisa izandla zabantu bonke abandilandelayo.

11. Waphendula ukumkani wakwaSirayeli, wathi, Yithini, Makangaqhayisi osabhinqa ikrele, njengoselelikhulula.

12. Kwathi, akuliva elo zwi uBhen-hadade, akubon' ukuba uyasela, yena nokumkani abo eminqubeni, wathi kubakhonzi bakhe, Yakhani uluhlu. Balwakha ke uluhlu kuloo mzi.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 20