Kwabonakala mprofeti uthile, wafika kuAhabhi ukumkani wakwaSirayeli, wathi, Utsho uYehova ukuthi, Ùyibonile na yonke le ngxokolo ingakanana? Yabona ndiyiníkele esandleni sakho namhla; wazi ukuba ndinguYehova.