Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 2:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yasondela imihla kaDavide yokuba afe; wamwisela umthetho uSolomon unyana wakhe, wathi,

2. Ndihamba indlela yehlabathi lonke; yomelela ke ube yindoda,

3. ugciné isigxina sikaYehova uThixo wakho, uhambe ngeendlela zakhe, ugcine imimiselo yakhe, nemithetho yakhe, namasiko akhe, nezingqino zakhe, njengoko kubhaliweyo emyalelweni kaMoses, ukuze ube nengqiqo ezintweni zonke othe wazenza, nasezintweni zonke othe wasinga kuzo;

4. ukuze alimise uYehova ilizwi lakhe awalithethayo ngam, esithi, Ukuba bathe oonyana bakho bayigcina indlela yabo, ukuba bahambe phambi kwam enyanisweni ngentliziyo yabo yonke, nangomphefumlo wabo wonke, (esithi) akuyi kunqunyukelwa ndoda etroneni yakwaSirayeli.

5. Kananjalo wena ùya kwazi awakwenzáyo kum uYowabhi unyana kaTseruya, awakwenzayo kubathetheli ababini bemikhosi yakwaSirayeli, kuAbhinere unyana kaNere, nakuAmasa unyana kaYetere, awababulalayo, waphalaza amagazi emfazwe, lixolile, wabeka amagazi emfazwe embhinqweni wakhe obusesinqeni sakhe, nasezimbadadeni zakhe ezisezinyaweni.

6. Yènza ngokobulumko bakho, zingehli izimvi zakhe ziye kwelabafileyo enoxolo.

7. Ke koonyana bakaBharzilayi waseGiliyadi, uze wenze ngenceba, babe kwabadla etafileni yakho; ngokuba benjenjalo ukuza kum ekusabeni kwam ebusweni buka-Abhisalom, umkhuluwa wakho.

8. Ùyabona, únawe uShimehi unyana kaGera, umBhenjamin, waseBhahurim; yena wanditshabhisa ngotshabhiso olukhulu, mini ndaya eMahanayim. Yena ke wehla weza kundikhawulela eYordan, ndamfungela uYehova, ndathi, Andiyi kukubulala ngekrele.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 2