Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 17:8-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Lafika ilizwi likaYehova kuye, lisithi,

9. Suka uye eTsarfati yaseTsidon, uhlale khona; ùyabona, ndimwisele umthetho khona umfazi ongumhlolokazi, ukuba akuxhase.

10. Wesuka ke waya eTsarfati, wafika esangweni lomzi; nanko kukho apho umfazi ongumhlolokazi echola iinkuni; wambiza, wathi, Khawundikhelele intwana yamanzi ngesitya, ndisele.

11. Waya kuwakha; wambiza, wathi, Khawundiphathele neqhekeza lesonka ngesandla.

12. Wathi, Ehleli nje uYehova, uThixo wakho, andinasonka; ngumgubo ongázalisa isandla emphandeni, nentwana yeoli eselweni; uyabona ke, ndichola iinkuni ezimbini, ukuba ndiye ndenzele mna nonyana wam, sidle, sife.

13. Wathi uEliya kuye, Musa ukoyika; yiya, wenze ngokwelizwi lakho; kodwa ke ndénzele isonkana ngawo ukuqala, undizisele, uzenzele ke wena nonyana wakho emveni koko.

14. Ngokuba utsho uYehova, uThixo wakwaSirayeli, ukuthi, Umphanda womgubo awuyi kuphela, neselwa leoli aliyi kuminyelelwa, ide ifike imini aya kuyinisa ngayo imvula uYehova phezu komhlaba.

15. Waya ke, wenza ngokwelizwi likaEliya, wadla yena, naye, nendlu yakhe, zaziintsuku.

16. Umphanda womgubo awuphelanga, iselwa leoli alaminyelelwa, ngokwelizwi likaYehova, awalithethayo ngoEliya.

17. Kwathi emveni kwezo zinto, wahliwa sisifo unyana waloo mfazi ungumnikazindlu; sathi isifo sakhe saba nzima kakhulu, kwada akwabakho kuphefumla kuye.

18. Wathi kuEliya, Yintoni na enam nawe, mfo wakwaThixo? Uzé kum, ukuba undikhumbuze ubugwenxa bam, umbulale unyana wam?

19. Wathi kuye, Ndinike unyana wakho. Wamthabatha ke esifubeni sakhe, wenyuka naye, waya egumbini eliphezulu abehlala kulo, wamlalisa phezu kwesingqengqelo sakhe.

20. Wanqula uYehova, wathi, Yehova Thixo wam, ùmenzéle ububi nomhlolokazi lo na ndiphambukele kuye, ngokubulala unyana wakhe?

21. Wazolula phezu komntwana izihlandlo zazithathu, wanqula uYehova, wathi, Yehova Thixo wam, mawukhe ubuyele phakathi kwakhe umphefumlo walo mntwana.

22. Waliva uYehova ilizwi likaEliya; wabuyela phakathi kwakhe umphefumlo waloo mntwana, waphila.

23. Wamthabatha uEliya umntwana, wehla naye egumbini eliphezulu, waya endlwini, wamnika unina; wathi uEliya, Uyabona, úphilile unyana wakho.

24. Wathi loo mfazi kuEliya, Kaloku ke ndiyazi ukuba ungumfo wakwaThixo wena, nelizwi likaYehova elisemlonyeni wakho liyinyaniso.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 17