Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Ookumkani 12:5-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Wathi kubo, Khanindikhwelele iintsuku zibe ntathu, nibuye nize kum. Bemka ke abantu.

6. Ukumkani uRehabheham wacebisana namadoda amakhulu, abesakuma phambi koSolomon uyise oko abesahleli, wathi, Ninika cebo lini na nina, ukuze ndibanike ilizwi aba bantu?

7. Athetha ke kuye, esithi, Ukuba uthe namhla waba ngumkhonzi kwaba bantu, wabakhonza, wabaphendula, wathetha amazwi amahle kubo, boba ngabakhonzi bakho yonke imihla.

8. Walishiya icebo lamadoda amakhulu abemnike lona, wacebisana namadodana aziintanga zakhe, abemi phambi kwakhe;

9. wathi kuwo, Ninika cebo lini na nina, ukuze sibanike ilizwi aba bantu bathethileyo kum, besithi, Yenze lula idyokhwe awayibeka phezu kwethu uyihlo?

10. Athetha ke kuye amadodana aziintanga zakhe, esithi, Yithi kwaba bantu bathethe kuwe, besithi, Uyihlo wayenza nzima idyokhwe yethu, yenze lula kuthi wena; yithi kubo, Ucikicane wam uya kuba nesibili kunesinqe sikabawo.

11. Ke, ekubeni ubawo ebenithwalise idyokhwe enzima, mna ke ndiya kongeza edyokhweni yenu; ubawo ubenibetha ngeentsontelo, mna ke ndiya kunibetha ngeekatsi.

12. Baya ke ooYarobheham nabantu bonke kuRehabheham ngomhla wesithathu, njengoko wayethethe ngako ukumkani, esithi, Nobuya nize kum ngomhla wesithathu.

13. Ukumkani wabaphendula abantu kalukhuni, walishiya icebo lamadoda amakhulu abemnike lona.

14. Wathetha kubo ngokwecebo lamadodana, esithi, Ubawo wayenza nzima idyokhwe yenu, mna ke ndiya kongeza edyokhweni yenu; ubawo wanibetha ngeentsontelo, mna ke ndiya kunibetha ngeekatsi.

15. Akabaphulaphulanga ke abantu ukumkani; ngokuba esi siphendu sibe siphuma kuYehova, ukuze alimise izwi lakhe, abelithethile uYehova ngoAhiya waseShilo kuYarobheham, unyana kaNebhati.

16. Akùbona ke onke amaSirayeli ukuba ukumkani akawaphulaphuli, abantu bambuyisela ukumkani ilizwi elithi, Sinasabelo sini na kuDavide? Àsinalifa kunyana kaYese. Ezintenteni zenu, maSirayeli! Zikhangelele ngoku ngokwakho indlu yakho, Davide! Aya ezintenteni zawo ke amaSirayeli.

17. Ke oonyana bakaSirayeli ababehleli emizini yakwaYuda, uRehabheham waba ngukumkani kubo.

funda isahluko epheleleyo 1 Ookumkani 12