Athetha ke kuye amadodana aziintanga zakhe, esithi, Yithi kwaba bantu bathethe kuwe, besithi, Uyihlo wayenza nzima idyokhwe yethu, yenze lula kuthi wena; yithi kubo, Ucikicane wam uya kuba nesibili kunesinqe sikabawo.