Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 9:6-17 Ibhayibhile (XHO96)

6. Phakama, uhambe ungene apha edolophini; uya kuyixelelwa khona into omawuyenze.”

7. Ngeli xesha amadoda awayehamba noSawule ayemile, ethe cwaka, eliva lona ilizwi elo lalithetha, kodwa engaboni mntu.

8. USawule waphakama, wakhangela ngamehlo, kodwa akabi nako ukubona nento le. Ngoko ke abo babehamba naye bamrhola ngesandla, bangena naye eDamasko.

9. Waba ntsuku-ntathu eyimfama, engatyi, engaseli.

10. EDamasko apho kwakukho umlandeli kaYesu ogama linguHananiya. INkosi yathetha naye embonweni, yambiza yathi: “Hananiya!”Yena wasabela wathi: “Ndilapha, Nkosi.”

11. Yathi iNkosi kuye: “Khawuleza, uye esitalatweni ekuthiwa sesithe ngqo, uze ufune indlu kaJuda, apho kuyo ukhangele indoda yaseTarso egama linguSawule. Iyathandaza khona,

12. futhi embonweni wayo ibone indoda egama linguHananiya, ingena ibeka izandla phezu kwayo, ukuze iphinde ibe nokubona.”

13. Waphendula wathi uHananiya: “Nkosi, baninzi abantu abandixeleleyo ngale ndoda, nangezinto ezilumezayo ezenzileyo ebantwini bakho eJerusalem.

14. Nangoku ilapha eDamasko nje, inamagunya ewathathe kubabingeleli abaziintloko, ukuze ikhonkxe bonke abakunqulayo.”

15. Yaza yathi iNkosi kuye: “Hamba uye kuyo, kuba mna ndiyikhethile ukuba indisebenzele, yazise igama lam kwiintlanga nakookumkani nakulo usapho lukaSirayeli.

16. Ndaye mna ngokwam ndiya kuyibonisa ubunzima efanele ukubuva ngenxa yam.”

17. Wahamba ke uHananiya, wangena endlwini leyo ebeyixelelwe, wambeka izandla uSawule, esithi: “Sawule, mfondini, iNkosi indithumile, uYesu ngokwakhe, lo umbonileyo endleleni, xa ubusiza apha. Indithumele ukuze wena uphinde ufumane ukubona, uzaliswe nanguMoya oyiNgcwele.”

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 9