Testamente Endala

Testamente Entsha

Umsebenzi Wabathunywa 9:26-43 Ibhayibhile (XHO96)

26. USawule waya eJerusalem, wazama ukuzibandakanya nabalandeli bakaYesu. Kodwa bonke babemoyika, bengakholwa ukuba naye ungumlandeli kaYesu.

27. Wada wancedwa nguBharnabha owamthathayo, wamsa *kubathunywa, wabachazela indlela awabonana ngayo neNkosi, nento eyathethwayo yiNkosi kuye. Wababalisela nangokulishumayela kukaSawule ngesibindi igama likaYesu eDamasko.

28. Waza ke uSawule wahlala apho eJerusalem, ejikeleza elishumayela ngesibindi igama leNkosi.

29. Ngokunjalo wathetha, waxoxa nawo namaJuda athetha isiGrike, kodwa asuka afuna ukumbulala.

30. Athi amakholwa akuyiqonda le nto, amthatha uSawule, amsa eKhesariya, aza amthumela eTarso.

31. Ke kaloku ibandla kulo lonke elakwaJuda naseGalili naseSamariya lazola, kungekho ntshutshiso. Laba nenkqubela, lakhula nangamanani, limhlonela uThixo, likhuthazwa nguMoya oyiNgcwele.

32. Njengoko uPetros wayeyihamba yonke loo ngingqi, ngathuba lithile watyelela abantu bakaThixo eLida.

33. Apho wahlangana nendoda egama linguEneya. Yayife icala, futhi ineminyaka esibhozo yalalayo.

34. Wathi uPetros kuyo: “Eneya, uYesu Krestu uyakuphilisa. Phakama, wendlule umandlalo wakho.” Ngakonje ukuba atsho, wavuka uEneya.

35. Bathi bakumbona, bonke abantu ababehlala eLida nakwintili yaseSharon bazinikela eNkosini.

36. EJopa kwakukho umlandeli kaYesu ogama linguTabhita, oko kukuthi uBhadikazi. Lonke ixesha lakhe wayelichithela ekwenzeni okulungileyo, enezinwe, ebanceda abahlelelekileyo.

37. Ngeli xesha wagula, wasweleka. Bawuhlamba umzimba wakhe, bawubeka egumbini elikumgangatho ophezulu.

38. Njengoko iJopa yayingekude eLida, beva abalandeli bakaYesu ukuba uPetros useLida, baza bathumela amadoda amabini nomyalezo wokuba uPetros makancede afike ngokukhawuleza.

39. Akalibazisanga uPetros; wahamba nawo kwangoko. Akufika khona, wasiwa egumbini elo liphezulu, waphahlwa libubu labahlolokazi ababelila, bembonisa iingubo kwaneempahla awayezenza uBhadikaziNqesiGrike “uDorkas” esaphilile.

40. UPetros wabakhuphela phandle bonke, waza waguqa wathandaza. Wathi kamva waguqukela kuso isidumbu, wathi: “Tabhita, vuka!” Wajonga, waza akubona uPetros, wavuka.

41. Wasondela kuye uPetros, wamncedisa, waphakama. Wawabiza ke uPetros amakholwa kunye nabahlolokazi abo, wamnikela kubo ephilile.

42. Ezi ndaba zafikelela kuyo yonke iJopa, baza abantu abaninzi bazinikela eNkosini.

43. UPetros waba neentsuku ezininzi ehleli apho eJopa kunye nendoda egama linguSimon, umsuki weemfele.

funda isahluko epheleleyo Umsebenzi Wabathunywa 9