Wada wancedwa nguBharnabha owamthathayo, wamsa *kubathunywa, wabachazela indlela awabonana ngayo neNkosi, nento eyathethwayo yiNkosi kuye. Wababalisela nangokulishumayela kukaSawule ngesibindi igama likaYesu eDamasko.