Testamente Endala

Testamente Entsha

Isityhilelo 21:4-14 Ibhayibhile (XHO96)

4. Uya kubosula zonke iinyembezi. Akusayi kubuye kubekho kufa, nalusizi, nasikhalo, nazintlungu. Kaloku lidlule ilizwe lokuqala.”

5. Ke lowo uhleli esihlalweni sokulawula wathi: “Ngoku yonke indalo ndiyenza ntsha.” Ubuye wathi: “Bhala kaloku! La mazwi ndiwathethayo athembekile, ayinyaniso.”

6. Wabuya wathi: “Sekwenzekile. Ndim u-A kwano-Z, ndim isiqalo nesiphelo. Nabani na onxaniweyo ndomnika ngesisa amanzi aphuma emthonjeni odlisa ubomi.

7. Lowo woyisayo wozixhamla zibe lilifa lakhe ezi zinto. Mna ndoba nguThixo wakhe, yena abe ngunyana wam.

8. Kodwa ilifa lamagwala, abangakholwayo, izingcoli, izigwinta, abarheletyi, amagqwirha, abanquli-zithixo, nawo onke amaxoki, loba kukufa kwesibini kwidike lomlilo ovutha yisalfa.”

9. Kusuke esinye sezithunywa ezisixhenxe ezaziphethe izitya ezisixhenxe zezibetho zokugqibela sathi kum: “Yiza ngapha ndikubonise umtshakazi walo iXhwane.”

10. Sandithatha ndisemandleni kaMoya, sandisa encotsheni yentabakazi enkulu. Sandibonisa iJerusalem, isiXeko esiNgcwele, isihla ivela kuThixo ezulwini.

11. Yayiqaqambile bubuqaqawuli bukaThixo, ibengezela okwelitye lexabiso elicwenge okwedayimani.

12. Yayineendonga eziphakamileyo kakhulu, inamasango alishumi elinambini. Kwisango ngalinye kwakukho isithunywa. Phezu kwamasango kwakubhalwe amagama ezizwe ezilishumi elinambini zakwaSirayeli.

13. Ngasempumalanga kwakukho amasango amathathu, emathathu emntla, emathathu emzantsi, nangasentshonalanga.

14. Iindonga zesixeko zazimi phezu kweziseko zamatye alishumi elinambini. Ilitye ngalinye lalinegama *lomthunywa ngamnye kubathunywa beXhwane abalishumi elinambini.

funda isahluko epheleleyo Isityhilelo 21