kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzakariya 13 Ibhayibhile (XHO96)

Ukuhlanjululwa

1. “Ngaloo mini indlu kaDavide nabemi baseJerusalem bovulelwa umthombo wokuhlambulula isono nokungcola.

2. “Ngaloo mini ndowasusa amagama ezithixo elizweni, angabi sakhunjulwa mpela,” utsho *uNdikhoyo onamandla onke. “Ndiya kubasusa elizweni abashumayeli ndawonye nomoya ongcolileyo.

3. Kothi ke, xa kukho nabani na osashumayelayo, uyise nonina abo bamzeleyo bothi kuye: ‘Ufanelwe kukufa, kuba uthetha ubuxoki egameni likaNdikhoyo.’ Ukuba ùthe washumayela ke wogwazwa ngunina noyise abamzeleyo.

4. “Ngaloo mini *umshumayeli ngamnye woba neentloni ngombono wakhe xa ashumayelayo, angabi sayambatha ingubo yoboya ekhohlisa abantu.

5. Ndaweni yaloo nto uya kusuka athi: ‘Andinguye umshumayeli; mna ndingumlimi. Lowo yaba ngumsebenzi wam oko ndabakho.’

6. Xa omnye embuza esithi: ‘Ngawani loo manxeba asemzimbeni?’ Wophendula athi: ‘Ngamanxeba endiwafumene endlwini yabahlobo bam.’ ”

Ukuchithakala komhlambi

7. *UNdikhoyo onamandla onke uthi:“Vuka, krelendini!Vukelana nomalusi wam,nditsho lo mfo usondeleyo kum.Ewe, bulala umalusi;iigusha ziya kuchithakala.Ke mna ndosisa isandla sam ngaphezu kwezincinane.”

8. Utsho uNdikhoyo ukuthi:“Ehlabathini jikeleleisibini esithathwinisobethwa siwe phantsi sife,ke sona isinye esithathwini sisale.

9. Isinye esithathwini ke esomna ndosifaka emlilweni,ukuze sihlambuluke sibe nyuluoku kwesiliva evavanyiweyo,nditsho oku kwegolide enyibilikisiweyo.Baya kulibiza igama lam,ndize mna ndibaphendule.Ndiya kuthi: ‘Bangabantu bam.’Bona bathi: ‘UNdikhoyo nguThixo wethu.’ ”