kwizahluko

  1. 1
  2. 2
  3. 3
  4. 4
  5. 5
  6. 6
  7. 7
  8. 8
  9. 9
  10. 10
  11. 11
  12. 12
  13. 13
  14. 14

Testamente Endala

Testamente Entsha

Uzakariya 5 Ibhayibhile (XHO96)

Umbono womqulu ophaphazelayo

1. Ndithe ndakukhangela ndabona nanko umqulu uphaphazela.

2. Isithunywa sandibuza sathi: “Ubona ntoni?”Ke mna ndithe: “Ndibona umqulu ophaphazelayo. Umalunga neemitha ezilithoba ubude, neemitha ezine ezinesiqingatha ububanzi.”

3. Saza sathi kum: “Esi sisiqalekiso esijinga phezu kwawo wonke umhlaba. Kwelinye icala kubhalwe kwathiwa wonke umntu olisela uza kugxothwa angabikho. Kanti ke kwelinye kuthiwa wonke umntu ofunga exoka uza kugxothwa angabikho.

4. UNdikhoyo onamandla onke uthi: ‘Ndiza kusikhupha esi siqalekiso size singene emzini walowo ulisela, nakuwo umzi walowo ufunga igama lam exoka. Siya kuhlala apho emzini wakhe, siwutshabalalise kunye nezinti zawo namatye awo.’ ”

Umbono womfazi osebhaskitini

5. Siphinde sathi gqi isithunywa ebesithetha nam, sathi kum: “Khangela, kukho nenye into evelayo.”

6. Ndaza ndathi: “Yintoni na?”Siphendule sathi: “Yibhaskiti leya ivelayo.” Saza sathi: “Iqulethe isono sabantu ehlabathini lonke.”

7. Eso sivalo sayo selothe saphakama, kwathi kanti apho ngaphakathi kuhleli umfazi.

8. Isithunywa sathi: “Lo mfazi umele inkohlakalo.” Saza ke samtyhiliza sambuyisela ebhaskitini, savala.

9. Ndakukhangela ke ndabona apho phambi kwam abafazi ababini bephaphazela ngamaphiko abo emoyeni; ewe, babetsho ngamaphiko ngathi yingwamza. Bayichola loo bhaskiti, baphaphazela nayo esibhakabhakeni.

10. Ndabuza ke apho kweso sithunywa sasithetha nam, ndathi: “Ngaba bayisa phi ibhaskiti leyo?”

11. Saphendula sathi: “Bayisa ezweni laseShinare apho iza kwakhelwa indlu khona. Xa seyigqityiwe ukwakhiwa loo ndlu, le bhaskiti iya kubekwa apho kwisiza sayo.”