Testamente Endala

Testamente Entsha

Uobhadiya 1:12-17 Ibhayibhile (XHO96)

12. Akwaba ubungamdelanga umntakwenu,nditsho ngemini yakhe yelishwa.Akwaba ubungagcobanga ngenxa kaJudangemini yakhe yentshabalalo.Akwaba ubungaqholosangamhla lalibhek' umoya kuye.

13. Ngewungangenanga kumasango abantu bamngomhla wabo wesithwakumbe.Ngewungabajongelanga phantsi ngenkxwaleko yabongemini yentlekele yabo.Ngewungabuxhaphazanga ubutyebi babongomhla weshwangusha labo.

14. Akwaba ubungemanga eziphambukeniukuze unqakule iimbacu zabo.Amasalela ngewungawanikelanga elutshabenimhla kwakugos' okwaphukayo.”

15. “Ewe, kuzo zonke izizwe imini *kaNdikhoyo isondele.Loo nto uyenzileyo, wena Edom, iya kubuya yenziwe nakuwe;isikhuni siya kubuya nomkhwezeli.

16. Njengoko nina nayisezwayo ibhekile yesohlwayo entabeni yam engcwele,ngokunjalo nezinye izizwe ziya kuyisezwa,phofu ziyisele zingayeki.Ewe, ziya kusela zibimbilize,zide zibe ngathi zange zabakho.”

17. “Ke kwintaba iZiyon kuya kubakho abasindileyo;yona yobuya ibe yindawo engcwele.Indlu kaYakobi iya kulixhamla ilifa layo,libe sezandleni zayo.

funda isahluko epheleleyo Uobhadiya 1