Testamente Endala

Testamente Entsha

Uobhadiya 1:1-13 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nanku umbono kaObhadiya. Ngokuphathelele kwiEdom iNkosi *uNdikhoyo itsho ukuthi:Luvakele udaba oluvela kuNdikhoyo;sigalelekile ezizweni isigidimi, sisithi:“Vukani, siye kulwa naye uEdom!”

2. UNdikhoyo uthi kwiEdom:“Uyabona, ndokwenza ube mncinane phakathi kwezizwe;uya kusuka udeleke mpela.

3. Ikratshi elisentliziyweni yakho likukhohlisile.Wena uhlala ezimfanteni zamawa,wena ukhaya likweliphezulu,xa uzithethela uman' usithi:‘Ngubani oya kundithula andise emhlabeni?’

4. Noba ungade untinge njengokhozi,ewe, noba usezinkwenkwezini umzi wakho,nalapho mna ndiya kukuthoba.”Lowo ke ngumlomo kaNdikhoyo.

5. “Xa ufikelwe ngamasela,ewe, nokuba zizihange ebusuku,aya kûba kangangoko anako,akushiyele kodwa.Nabavuni beediliya bavuna bagqibe,kushiyeke umkhwahlazo.Kodwa eyakho intshabalalo iya kugqithisa.

6. Kaloku, wena Esawu, uya kugqogqwa uphengululwe,konke okwakho okunexabiso kuthinjwe.

7. Oogxa bakho bokududulela emideni.Izihlobo zokukhohlisa utsho woyisakale.Abo ubusidla kunye nabo bokugcayisela,kodwa sobe uyiqonde loo nto.”

8. Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo:“Mhla ndamohlwaya uEdomndozitshabalalisa izilumko zakhe,kungabikho mntu uqiqayo kwezo ntaba zakwaEsawu.

9. Ke wona amadoda omkhosi waseTeman osuka arhwaqele;bonke abakwiintaba zakwaEsawu baya kunqunyulwa babulawe.

10. Ngenxa yobundlobongela obenze kumntakwenu,nditsho umninawe wakho onguYakobi,ihlazo liya kukugubungela,utshatyalaliswe ngonaphakade.”

11. “Ngaloo mini wena wema bhuxengeli xesha utshaba luthath' ubutyebi.Iintlanga zangena emasangweni,zenza *amaqashiso ngeJerusalem,suka wena waba njengomnye wazo.

12. Akwaba ubungamdelanga umntakwenu,nditsho ngemini yakhe yelishwa.Akwaba ubungagcobanga ngenxa kaJudangemini yakhe yentshabalalo.Akwaba ubungaqholosangamhla lalibhek' umoya kuye.

13. Ngewungangenanga kumasango abantu bamngomhla wabo wesithwakumbe.Ngewungabajongelanga phantsi ngenkxwaleko yabongemini yentlekele yabo.Ngewungabuxhaphazanga ubutyebi babongomhla weshwangusha labo.

funda isahluko epheleleyo Uobhadiya 1