Testamente Endala

Testamente Entsha

Uncuthu Lwengoma 1:6-17 Ibhayibhile (XHO96)

6. Ndingade ndibe ngunomdakazana kodwa noko ke sukundidela;ndifiphele nje kungenxa yelanga.Oonyana bakama basuka bandiqumbela,baza bandenza umgcini wesidiliya,ndaza mna siqu ndaziyekelela.

7. Khawutsho ke, sithandwa sam,ngaba walusela phi kakade?Ziphumla phi iigusha zakho emini?Ngani ukuba ndibe ngogqubutheleyondikufune phakathi kwemihlambi yezihlobo zakho?

8. Awazi na kakade, nzwakazindini egqwesileyo?Hayi ke, landela umzila weegusha,uye kwalusa amatakane eebhokhwe kufutshane neentente zabelusi.

9. Hayi ke wena, sithandwa sam, usuke wafana nethokazi lehasheelitsala inqwelo yokumkani waseJiputa.

10. Azizihle ngako ezo zidlele ziphahlwe ngaloo macicikazi,naloo ntamo yakho ivathiswe ngamaso.

11. Ndokwenzela amacici egolide aqhoqhonywe ngesiliva.

12. Ukumkani uthe esangqengqile ngasetafileni yakhe,isiqholo sam satsho ngevumba elimyoli.

13. Isithandwa sam ngathi yingxowana yesiqholo semoreesithe nca phakathi kwamabele am.

14. Isithandwa sam ngathi sisipha seentyatyambo zehena,ezo zezidiliya zase-Engedi.

15. Waza wamhle, sithandwa sam!Ewe, uyinzwakazi ke khona!Amehlo — hotyazana lakwabani!

16. Ewe, uyinzwana ke khona, sithandwa!Hayi, umtsalane wakho!Umandlalo wethu uluhlaza yaka!

17. Indlu yethu itsho ngemiqadi yemisedare,ngaphakathi yambathiswe ngemipayini.

funda isahluko epheleleyo Uncuthu Lwengoma 1