Testamente Endala

Testamente Entsha

Umika 4:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ke kaloku ngemihla yokugqibelaintaba emi kuyo indlu *kaNdikhoyoiya kuba yeyona ibalaseleyo,izikrobele zonke iinduli;nabantu baya kugxalathelana ukuya kuyo.

2. Ewe, izizwe ezininzi ziya kuza zithi:“Yizani siye entabeni kaNdikhoyo,endlwini kaThixo kaYakobi.Yena wosifundisa iindlela zakhe,ukuze thina sihambe ngazo.”Kaloku umthetho wophuma eZiyon,liphume eJerusalem ilizwi likaNdikhoyo.

3. Nguye oya kugweba phakathi kwabantu,abe ngumlamli phakathi kwezizwe ezikude nezomeleleyo,wona amakrele awenze amakhuba,yona imikhonto ibe zizitshetshe zokuthena imithi.Kaloku izizwe soze ziphinde ziqulelane ngamakrele,zingasayi kuze ziphinde ziqeqeshelwe imfazwe.

4. Bonke ngabanye bophumla phantsi kwemidiliya yabo,umntu ahlale phantsi komkhiwane wakhe,kungekho namntu uya kuboyikisa.Kaloku uthethile uNdikhoyo uSomandla.

5. Zonke izizwe ziya kuhamba emagameni *oothixo bazo;ke thina siya kuhamba egameni likaNdikhoyo uThixo wethu nanini nanini.

6. Umlomo *kaNdikhoyo uthi:“Ngaloo mini ndiya kuziqokelela neziqhwala,neembacu ngokwazo ndizihlanganise,ngokunjalo nâbo ndibabandezeleyo.

7. Iziqhwala ndozenza amasalela,iimbacu zibe sisizwe esomeleleyo,uNdikhoyo abalawule kwintaba iZiyonkusukela ngaloo mini kuse ephakadeni.

8. Ke wena, nqaba yemboniselo yomhlambi,wena nduli, ntombindini eyiZiyon,wowubuyiselwa umbuso wamandulo;ewe, ubukhosi bobuyiselwa kwintombi eyiJerusalem.”

9. Ngani ke ukuba ubhomboloze?Ngaba akunaye ukumkani?Ngaba akusenalo na iphakathi,sowupena-pena nje ngokungathi ngumfazi efunyenwe yinimba?

funda isahluko epheleleyo Umika 4