Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 6:17-27 Ibhayibhile (XHO96)

17. Ndanimisela abalindi, ndathi: ‘Phulaphulani izwi lesigodlo!’Kodwa nina nathi: ‘Asiyi kuphulaphula.’

18. “Bekani iindlebe ke ngoko, nina zintlanga,niyiqonde, mabandlandini, into endiza kubenza yona.

19. Phulaphula, mhlaba,ubone ishwangusha endiza kulithumela aba bantu.Sisiphumo samayelenqe abo,kuba kaloku abalinanzanga ilizwi lam –andisathethi ke ngomyalelo wam abawubukuleyo.

20. Andiyihoyanga intlaka yesiqhumiso yaseSheba,ndingawakhathalele namakha avela kwelasemzini.Andinamdla kumadini enu;andikholiswa nangala atshiswayo.”

21. Ngoko ke utsho uNdikhoyo ukuthi:“Aba bantu ndiza kubabekela imiqobo abaya kukhubeka kuyo,kuwe uyise nonyana kunye nabamelwana nezihlobo,batshabalale xa bebonke.”

22. Utsho *uNdikhoyo ukuthi:“Nâlo uhlanga oluvela ngasentla,isizwe esinamandla esixhokonxwe lee emalandalahla.

23. Baxhobe ngeentolo nemikhonto;izinto ezinolunya ezingenalusini.Batsho ngesandi esinga kugquma ulwandle,beza bekhwele amahashebengamabutho okuhlasela wena, Ziyon.”

24. Ewe, zifikile kuthi ezo ndaba,zangenwa ngumkhinkqi iingalo,lwangongoza uvalo oku komfazi olunywayo.

25. Musa ukuphumela ngaphandle,ungakhe ubonwe ezindleleni,kuba utshaba luxhobile;lunxunguphalo macal' onke.

26. Zithini wambu ngerhonya, bantu bam,nizibhuqa-bhuqe eluthuthwini,nibe ngathi nizilele unyana okuphela kwakhengesikrakra sona isililo,kuba uza kusifikela ngequbuliso yena umtshabalalisi.

27. “Ndikwenze umgocagoci wabantu bam,ukuze uziqonde uzivavanye kakuhle iindlela zabo.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 6