Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 51:52-63 Ibhayibhile (XHO96)

52. “Kambe iyeza imihla endiya kuyohlwaya imifanekiso eqingqiweyo,bancwine ezweni lonke laseBhabheli abangxwelerhekileyo.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

53. “Nokuba iBhabheli ithe yaphakama yaya kufikelela ezulwini,nokuba iyinqaba ephakamileyo neyomeleleyo kangangoko,ndiya kuyithumela umbhukuqi.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

54. “Phulaphulani!Kuvakala isikhalo eBhabheli,isandi sobhukuqo olukhulu ezweni lamaKaledi,

55. kuba uNdikhoyo uyayibhukuqa iBhabheli,uyayiphelisa ingxokozelo yayo enkulu.Iintshaba ziya kugaleleka ngathi ngamaza amakhulu elwandle;kuya kuvakala isandi sengxolo yazo.

56. IBhabheli iya kufikelwa ngumbhukuqi,abanjwe amagorha ayo,ziqhawulwe izaphetha zawo.Kaloku nguThixo wempindezelo uNdikhoyo;yena ubuyekezangokupheleleyo.

57. Ndiya kuzinxilisa iziphathamandla nezilumko zayo,kwakunye neerhuluneli namagosa namagorha ayo.Baya kulala ubuthongo, bangavuki ngonaphakade.”Lowo ngumlomo weKumkani egama linguNdikhoyo uSomandla-onke.

58. Utsho uNdikhoyo onamandla onke ukuthi:“Luya kudilizwa ngokupheleleyo udonga lweBhabhelinangona lubanzi lunjalo.Amasango ayo aphakamileyo aya kutshiswa ngomlilo.Izizwe zifumane zabulaleka;imigudu yeentlanga ziinkuni zomlilo.”

59. Nali ilizwi *umshumayeli uJeremiya awamwisela umthetho ngalo uSeraya, uNyana keNeriya, unyana kaMaseya, xa wayesiya eBhabheli kunye noZedekiya ukumkani wakwaJuda ngonyaka wesine wolawulo lwakhe. USeraya lo wayengumphathiswa wokulungiselela iindawo zokuphumla abahambi.

60. UJeremiya wabubhala encwadini enye bonke ububi obuya kuyifikela iBhabheli (konke okusekubhaliwe malunga neBhabheli)

61. waza wathi kuSeraya: “Wakufika eBhabheli nakanjani na uze uwafunde ngokuvakalayo onke la mazwi.

62. Uze uthi: ‘Ndikhoyo, uthethile ngale ndawo, usithi uza kuyitshabalalisa, ingabi samiwa mntu, kungabi sabakho namfuyo kuyo, koko ibe ngamanxuwa ngonaphakade.’

63. “Xa ugqibile ukuyifunda le ncwadi, uzubophelele ilitye kuyo, uyiphose esazulwini somlambo iEfrati,

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 51