Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 51:38-51 Ibhayibhile (XHO96)

38. Abantu bayo xa bebonke bagquma njengeengonyama,babharhula njengamathole eengonyamakazi.

39. Xa bavuka umnyele ndobenzela umgidi,ndibanxilise, badlamke,balale ubuthongo,bangavuki ngonaphakade.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

40. “Ndiya kubasa ekuxhelweni njengamatakane,njengeenkunzi zeegusha nezeebhokhwe.

41. “Hayi ukuthinjwa kweSheshaki!Ibhongo lehlabathi lonke libanjiwe.Hayi ukwenziwa isothuso kweBhabheli phakathi kweentlanga!

42. Ulwandle luya kuyigqumelela iBhabheli,igutyungelwe ngamaza agqumayo.

43. Iidolophu zayo ziya kukhal' ibhungane,ilizwe libe ngumqwebedu nenkqantosi,ilizwe elingamiwa mntu,ilizwe elingacandwa nangumhambi.

44. Ndiya kumohlwaya uBhele uthixo weBhabheli,ndimenze akuhlanze oko akuginyileyo.Iintlanga aziyi kuba saxhontelana kuye,nodonga lweBhabheli luya kuwa.

45. “Phumani kuyo, nina bantu bam,elowo nalowo asindise ubomi bakhe.Kubalekeni ukuvutha komsindo kaNdikhoyo.

46. Musani ukutyhafa okanye noyike xa nithe neva amarhe elizweni.Amarhe aya kulandelana minyaka le,amarhe ogonyamelo elizweni,amarhe okuvukelanakwabaphetheyo.

47. Inene, iyeza imini yokuba ndizohlwaye izithixo zaseBhabheli.Ilizwe layo lonke liya kuhlaziswa,izidumbu zababuleweyo ziya kuqungquluza phakathi kuyo.

48. Ngenxa yeBhabheli kuya kumemelela izulu nomhlabanento yonke ekhoyo phezulu naphantsi.Kaloku iza kuhlaselwa ngababhuqi bevela ngasentla.”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

49. “IBhabheli iza kuwa ngenxa yababuleweyo bakwaSirayeli,kanye njengokuba ababuleweyo behlabathi lonkebawayo ngenxa yeBhabheli.

50. Nina nisindileyo ekreleni, yimkani ningaphozisi maseko!Mkhumbuleni uNdikhoyo ezweni elikude,ihlale isezingcingeni zenu iJerusalem.”

51. “Sihlazekile, kuba sive ingcikivo;ihlazo ligubungele ubuso bethu.Kaloku iintlanga zingene ezindaweni ezingcwele zendlu kaNdikhoyo.”

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 51