Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 51:1-8 Ibhayibhile (XHO96)

1. Utsho uNdikhoyo ukuthi:“Niyabona, iBhabheli nabemi beLebhe-kamayindibazisela umoya otshabalalisayo.

2. Ndiya kuthumela eBhabheli abantu bokwelaabaya kuyivuthulula baliphanzise ilizwe layo.Baya kuyifikela macala onke ngomhla wentlekele.

3. Umtyedi wesaphetha akayi kuba nako ukudubula ngetolo,angabi naxesha lakuqhayisa ngezambatho zokuzikhusela.Musani ukuwayeka asinde amadodana ayo;wutshabalalise ngokupheleleyo umkhosi wayo.

4. Baya kuwa, bebulewe ezweni lamaKaledi,begwazwe ezitalatweni.

5. Kuba kaloku uSirayeli noJuda abazange bafane nabahlolokazi –abazange bangabi naye uThixo wabo, uNdikhoyo onamandla onke,naxa balizalisayo ilizwe labo lityala lokona onguYedwa kaSirayeli.

6. “Balekani niphume eBhabheli,elowo asindise ubomi bakhe!Musan' ukwenzakaliswa ngenxa yobugwenxa bayo.Eli lixesha lempindezelo kaNdikhoyo;uza kuyibuyekeza ngokwezenzo zayo.

7. IBhabheli ibiyindebe yegolide esandleni sikaNdikhoyo;indebe enxilise lonke ihlabathi.Iintlanga zasela ewayinini yayo,zasuka zageziswa yiyo.

8. IBhabheli iza kuwa ngequbuliso yaphuke;bhombolozani ngenxa yayo.Wafuneleni amafutha aqholiweyo amanxeba ayo;mhlawumbi anganyangeka.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 51