Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 4:6-13 Ibhayibhile (XHO96)

6. Yenzani umqondiso okhomba eZiyon,nicele kwabasicatyana, ningabambezeli,kuba mna ndiza nentlekele ngasentla –ndinizisela intshabalalo enkulu.”

7. Yintw' ekunyalasa inge yingonyama ishiy' isikhundlalo mtshabalalisi weentlanga uzayo.Selephumile kowabo ukuza kubharhisa umhlaba wakho ube yinkangala,azitsho izixeko zakho zibe ngamabhodlo,kungasali nempunde le.

8. Ngoko ke zila, wambathe amarhonya,ugixe, ulile,kuba ingqumbo *kaNdikhoyo ayishenxanga kuthi.

9. Nguwo lo umlomo kaNdikhoyo:“Ngaloo mini ukumkani neziphathamandla baya kungenwa yingevane.Ababingeleli bothi khumnqa,abashumayeli bona bathi makatha.”

10. Ndithe ke mna: “Awu, Nkosi Ndikhoyo, ubakhohlise mpela abantu neJerusalem ngokuthi: ‘Niya kuba noxolo,’ ukanti ikrele selibekwe emqaleni!”

11. Ngelo xesha abantu neJerusalem baya kuxelelwa kuthiwe: “Kuza kuvuthuza umoya onolophu, uvela ezincotsheni ezibharhileyo entlango, usinge ebantwini bam. Umoya ovela kum awuyi kuba yiyo impepho nje yokwela okanye yokucoca ingqolowa,

12. koko uya kuba ngumoya onamandla kunoko. Kuba ndim kaloku oza kubagweba abantu bam.”

13. Nalo lusiza utshaba, luziingqimba okwamafu,iinqwelo kuqhum' uthuli ngathi yinkanyamba.Asingomendu, amahashe adlul' ukhozi!Kunyembelekile; izwe lifile!

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 4