Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 4:12-31 Ibhayibhile (XHO96)

12. koko uya kuba ngumoya onamandla kunoko. Kuba ndim kaloku oza kubagweba abantu bam.”

13. Nalo lusiza utshaba, luziingqimba okwamafu,iinqwelo kuqhum' uthuli ngathi yinkanyamba.Asingomendu, amahashe adlul' ukhozi!Kunyembelekile; izwe lifile!

14. Jerusalem, zihlambulule ububi obusentliziyweni,khon' ukuze usinde!Uya kuhlala ugaya ububi kude kube nini?

15. Kunkenteza ilizwi kwaDan nakwiintaba zakwaEfrayim,lixela intlekele.

16. Nguwo lo umlomo *kaNdikhoyo:“Zixeleleni iintlanga,nibike naseJerusalem, nithi:‘Utshaba lugalelekile;lutsho ngentlaba-mkhosi yalo kwizixeko zakwaJuda.

17. Lungqinge iJerusalem okwabalindi belinde amasimi.’Ewe, kuthetheni oku, kuba kalokuiJerusalem indivukele.

18. Yimisebenzi yakho neendlela zakho ezi zikuzisele le ntlekele.Sisohlwayo sakho eso.Sikrakra kambe,siye kuthi xhokro emxhelweni.”

19. Hayi bo! Ndithe qhiphu umbilini;intliziyo yam iyabetha;ndingenwe luvalo!Andikwazi kuthi cwaka;ndiva isandi sokuvuthelwa kwesigodlonokuhlokoma kwentlaba-mkhosi!

20. Kuvakala le ntlekele, kuvakale le;ilizwe lonke lifile.Ngequbuliso iintente zakowethu zibhuqiwe,ngephanyazo imikhusane yethu ayisekho.

21. Koda kube nini ndibukelana namadabi?Koda kube nini ndisiva isandi sesigodlo?

22. Ke yena *uNdikhoyo uthi:“Baziziyatha kambe abantu bam; abade bandazi.Bazizityhakala zabantwana abangenangqiqo.Ngamachebesha okwenza okubi,kodwa ngamaqhitala kokulungileyo.”

23. Ndathi ndakuwukhangela umhlaba,ndafika ubharhile, kusempengezini;ndakukhangela amazulu akwabikho kukhanya.

24. Ndakhangela iintaba, ndafika zigungqa, neenduli zinyikima.

25. Ndakhangela andabona mntu konke;kwakubhace nkqu neentaka ezi.

26. Ndakhangela umhlaba otyebileyo, ndafika uyintlango,izixeko zonke zingamabhodlo.Oku kwenzeka emehlweni kaNdikhoyongenxa yomsindo wakhe ovuthayo.

27. Kaloku utsho *uNdikhoyo ukuthi:“Kuya kuba senkangala kumhlaba wonke,kodwa ke ndingawubhangisi kuphele.

28. Ngenxa yoko umhlaba uya kwenza isijwili,isibhakabhaka sisibekele kube mnyama,kuba kutsho mna.Ndigqibile, yaye andiyi kukuyekelela endikuthethileyo;andiyi kujika.”

29. Kuya kuthi ukuvakala kwesandi sabakhwele amahashe nesandi sabatolikusabe zonke izixeko.Abanye bobalekela ematyholweni,abanye banyukele emaweni.Zosala zilambatha iidolophu,kungabi sahlala bani kuzo.

30. Wenza ntoni, Jerusalem, uselushwatyulelwe nje?Kutheni watsho ngezivatho ezibomvu?Yini, watsho ngamajikolo, waqaba amehlo?Ufane wahombela ilize!Zikulahlile izithandwa zakho;sezifuna ukukubulala.

31. Kaloku ndive isikhalo ngathi sesomfazi esikwa yinimba,ngathi sisingqala sozibulayo.Sisikhalo seJerusalem iminxekile,iphelelwa ngumoya,ithe na izandla,ikhala isithi: “Ndafa! Bayandigwinta!”

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 4