Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 35:15-19 Ibhayibhile (XHO96)

15. Ndithe rhoqo ukunithumela zonke izicaka zam *abashumayeli. Babesithi: “Guqukani ezindleleni zenu ezigwenxa, nilungise ihambo yenu. Musani ukulandela abanye oothixo nibanqule. Xa nisenjenjalo niya kuma kulo mhlaba ndawunika ookhokho benu.” Kodwa nina nisuke anahoya, anandithobela.

16. Isizukulwana sikaYonadabhi unyana kaRekabhi sona sawuthobela umyalelo wokhokho waso, kodwa nina, luhlangandini, anivumi ukundithobela!

17. “ ‘Ngoko ke mna Ndikhoyo, uThixo onamandla onke, uThixo kaSirayeli, nditsho ukuthi: “Niyabona, uJuda nabo bonke abemi baseJerusalem ndibazisela yonke intlekele endabasongela ngayo. Ndabathethisa, kodwa àbandiphulaphula; ndabakhalimela, kodwa abasabela.” ’ ”

18. UJeremiya ke wabhekisa kumaRekabhi, wathi: “Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke, onguThixo kaSirayeli, ukuthi: Nina namthobela uyihlo-mkhulu uYonadabhi, nawugcina umthetho wakhe, nayenza yonke imiyalelo yakhe.

19. Ngoko ke mna Ndikhoyo onguSomandla-onke uThixo kaSirayeli ndithi: ‘UYonadabhi unyana kaRekabhi akayi kuze aswele ndoda yakundikhonza.’ ”

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 35