UJeremiya ke wabhekisa kumaRekabhi, wathi: “Utsho uNdikhoyo uSomandla-onke, onguThixo kaSirayeli, ukuthi: Nina namthobela uyihlo-mkhulu uYonadabhi, nawugcina umthetho wakhe, nayenza yonke imiyalelo yakhe.