Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 2:4-20 Ibhayibhile (XHO96)

4. Libekeleni iindlebe ilizwi *likaNdikhoyo,mzi kaYakobi, nani nonke zizwe zakwaSirayeli.

5. Utsho uNdikhoyo ukuthi:“Bubi buni abâbubonáyo kum ooyihlobade bandityeshele nje belandela *oothixo abangento,bade nabo babe zizinto ezingento?

6. Abazange babuze bathi:‘Uphi na lo Ndikhoyo owasikhupha kumhlaba waseJiputa,wasihambisa entlango kwilizwe elingumqwebedu lemiwewe;kwilizwe lembalela nesithokothoko sobumnyama,ilizwe ekungahambi bani kulo, kungekho namntu umiyo kulo?’

7. Ndanisa kumhlaba wendyebo,ukuze nixhamle iziqhamo nentlutha yawo.Koko nina nithe nakufika nawuxabhela umhlaba wam,nalitsho lanezothe ilifa endininike lona.

8. Ababingeleli ababuzanga bathi: ‘Uphi na uNdikhoyo?’Abaphathiswa-mthetho abandazanga,abelusi bandivukela,nabashumayeli bashumayela benefuthe likaBhali,balandela *oothixo abangancedi lutho.”

9. “Ngoko ke ndisanimangalela,”utsho umlomo *kaNdikhoyo.“Ndiya kumangalela kwanezizukulwana zenu.

10. Khanikhe niwele niye kwiziqithi zamaKiti,okanye nithumele iintlola eKedare,ziye kuqinisekisa ukuba yakha yakho na into enjengale.

11. Lwakha lwakho phi na uhlanga olwananisa ngoothixo balo,noba bengengoothixo ngenene?Kodwa bona abantu bam balananisile iqhayiya labongenxa yezinto ezingenaluncedo!

12. Yothukani, mazulu, yile nto,nigubhe luloyiko, nithi khumnqa!”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

13. “Kaloku lintlantlu mbini ityala labantu bam:bandishiyile mna, mthombo wamanzi ampompozayo,bazimbela awabo amaqula –amaqula avuzayo ziintanda.”

14. “Ngaba uSirayeli likhoboka?Ngaba wazalelwa ebukhobokeni na?Ngani ukuba abe lixhoba?

15. Iingonyama ziyagquma, ziyamgragramela.Seziwuqwenga-qwengile umhlaba wakhe,zazitsho zaba ngamabhodlo angahlali bani izixeko zakwaSirayeli.

16. Ewe, abantu baseMemfisi naseTapanesesebekugugule ukhakhayi.

17. Nguwe ngokwakho ozenzileyo,kuba umfulathele *uNdikhoyo uThixo wakhoakuba ebekukhokela endleleni.

18. Khawutsho ke,kungani ukuba uye kusela amanzi aseNayile eJiputa?Kungani uye kusela amanzi aseYifrate eAsiriya?

19. Uza kuqeqeshwa bubugwenxa bakho;uza kululekwa kukukreqa kwakho;uza kubuqonda ubukrakra nobubi bokundifulathelanokungankwantyi phambi kwam, mna Ndikhoyo, Thixo wakho.”Lowo ngumlomo wengangalala uNdikhoyo onamandla onke.

20. “Kudala, Sirayeli, wayaphulayo idyokhwe,waziqhawula izitrophu zakho,usithi: ‘Andiyi kukukhonza.’Ewe, ubuhamba ulala ezinkalweni zonkenangaphantsi kwemithi yonke,uziqhekeza uxela ihenyukazi.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 2