Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 2:22-37 Ibhayibhile (XHO96)

22. Nditsho nokuba ungade uzihlambe ngesoda,uziguxe ngeyodwa isepha,awusayi kusuka wona umdintsi wesono sakho.”Lowo ngumlomo weNkosi *uNdikhoyo.

23. “Ungathini ukuthi: ‘Andizenyelisanga;andikhange ndimlandele uBhali’?Khangela umkhondo wakho entilini,uzigqale izenzo zakho.Ubufana nqwa nethokazi lenkamela lirhaqaza entlango,

24. nqwa nemazi yeqwarha lasentlango edumbileyoehamba isezela umoya, ifuna inkunzi.Ngubani ongayithintelayo xa injalo?Akukho nkunzi izixhamla ngayo kuloo meko –isuka iyifumane lula ngelo xesha.

25. Sirayeli, musa ukuzityabula iinyawoude nomqala wakho utshe kukusukelana nezithixo.Kambe ke uthi: ‘Akusancedi nto;sendithandana noothixo basemzini;andinakungabalandeli.’ ”

26. *UNdikhoyo uthi:“Kanye njengoko lidana linyoshoze xa libhaqiwe isela,koba njalo ukuhlazeka kukaSirayeli nookumkani bakhe,neziphathamandla, ababingeleli, kunye nabashumayeli.

27. Bona bathi emthini: ‘Ungubawo wena.’Elityeni bathi: ‘Nguwe ondizeleyo.’Kaloku aba bantu beze ngenqentsu kum;abezanga ngabuso.Kodwa ngexesha leenkxwaleko ikwangabo abathi: ‘Phakama, usincede!’

28. Baphi kakade abo thixo bakho uzenzeleyo?Mabavuke kaloku, bakuhlangule ngexesha lengxakeko.Baninzi kangangeedolophu zakho oothixo bakho, Juda!

29. Nina ke, ningandibeka tyala lini,inini nje xa ninonke abakreqileyo kum?”Lowo ngumlomo kaNdikhoyo.

30. “Naxa ndabohlwayayo abantwana benu,abazanga baqeqesheke.Suka nababulala ngekrele *abashumayeli,banga baqwengwe ziingonyama.

31. Phulaphulani izwi likaNdikhoyo, nina besi sizukulwana!Ndiyintlango na kuni, maSirayeli,umhlaba osithokothoko sobumnyama?Ke kutheni ukuba abantu bam bathi:‘Siza kuhamba ngesiyibonayo.Siyabhadula; soze siphinde size kuwe!’

32. Ikhe izilibale iintsimbi zayo intombi?Yena umtshakazi ukhe awulibale umbhinqo wakhe?Kodwa bona abantu bam sele kukade bandilibalayo.

33. Hayi ke indlela orhaqaza ngayouleqeka emva kwezithandwa zakho!Sele unako ukufundisa nabafazi abangoongantweni.

34. Izambatho zakho zilijaja ligazi leendwayi nabantu abamsulwa,ingelilo kambe elezikrelemnqa ozibhaqe ziqhekeza.

35. Naxa kunjalo usathi: ‘Ndimsulwa;uNdikhoyo akasenawo umsindo ngakum.’Kodwa ke mna Ndikhoyo ndiza kukohlwayanaxa usithi akwenzanga sono.

36. Yini na ukuba urhaqaze kangaka, uzijika-jike iindlela zakho?IJiputa iza kukuphoxa kanye ngalaa ndlela yaniphoxa ngayo neAsiriya.

37. Uya kuyishiya iJiputa unyoshoza ludano.Mna Ndikhoyo ndibalahlile abo uthembele kubo;akukho nto baya kukuphumelelisa kuyo.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 2