Phulaphulani izwi likaNdikhoyo, nina besi sizukulwana!Ndiyintlango na kuni, maSirayeli,umhlaba osithokothoko sobumnyama?Ke kutheni ukuba abantu bam bathi:‘Siza kuhamba ngesiyibonayo.Siyabhadula; soze siphinde size kuwe!’