Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 19:8-15 Ibhayibhile (XHO96)

8. Esi sixeko ndiya kusitsho sibe yinto ekhwankqisayo, into engumbono ongajongekiyo. Wonke ubani odlula kuso uya kothuka kakhulu, athi khumnqa ngenxa yezivubeko zaso.

9. Ndiza kubenza badle inyama yoonyana babo kunye neyeentombi zabo, elowo atye inyama yomnye ngexesha lentlupheko yabo nokuxinwa kwabo ziintshaba ezizungula ubomi babo.’

10. “Uze loo ngqayi uyiqhekeze apho ngaphambi kwaloo madoda ahamba kunye nawe,

11. uthi kuwo: ‘UNdikhoyo onamandla onke utsho ukuthi: Abantu balapha ndiza kubantlekeza kunye neso sixeko sabo, baxele le ngqayi intleke-ntleke, iingceba zingasoze zidibane kwakhona. Baya kungcwabela eTofeti kude kungabikho ndawo iseleyo.’

12. Ewe, nguwo lo umlomo kaNdikhoyo: ‘Nantsi into endiza kuyenza kule ndawo nabemi bayo: Esi sixeko ndiza kusitsho sifane neTofeti.

13. Izindlu zaseJerusalem kunye nezookumkani bakwaJuda ziza kuxajelwa zifane neTofeti. Nditsho zonke izindlu ekwakutshiswa phezu kwazo isiqhumiso soothixo abaziinkwenkwezi, kunikelwa nangeminikelo ethululwayo koothixo basemzini.’ ”

14. Wabuya ke uJeremiya evela eTofeti apho wayethunywe ukushumayela khona nguNdikhoyo. Waya kuma ngaphakathi kweyadi yendlu kaNdikhoyo, wathi ebantwini xa bebonke:

15. “UNdikhoyo uSomandla-onke onguThixo kaSirayeli utsho ukuthi: ‘Niyabona, esi sixeko kunye neelali zaso ndiza kusihlisela yonke intlekele endakha ndathetha ngayo, kuba kaloku abantu balapha baneenkani, abafuni kuliphulaphula ilizwi lam.’ ”

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 19