Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 17:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo uthi:“Isono sakho, Juda, sikrolwe ngepensile yentsimbi,saqoqwa ngencam yelitye lenyengane ecwecweni lentliziyo yakho,nasezikoneni zamaqonga akho.

2. Esi sono sisakhunjulwa ngoonyana bakho.Bayawakhumbula amaqonga esithixokazi uAsheranemifanekiso yakhe emiswe ngakwimithi enamagqabi ezindulini.

3. Intaba yam phaya endle,kunye nobutyebi bakho nendyebo yakho,ndizinikele zibe lixhoba ngenxa yesono sakhoosenze kulo lonke elakowenu,unqula kwizibingelelo ezingezizo.

4. Uza kulahlekelwa lilifa lakho olinikwe ndim,ndikwenze ukhonze iintshaba zakho ezweni obukade ungalazi,kuba umsindo wam uvutha njengomlilo,waye awusobe ucinywe.”

5. Utsho *uNdikhoyo ukuthi:“Hayi ilishwa lomntu obek' ithemba emntwini,akholose ngamandla ento eyinyama negazi,abe entliziyweni enxaxhile kuNdikhoyo.

6. Loo mntu unjengetyholo lasentlango;akanakuze abe nempumelelo.Uya kuma ezinkqantosini, kumhlaba ongumqwebedu,umhlaba onetyuwa, apho kungahlali mntu.

7. Hayi ithamsanqa lomntu othembela ngoNdikhoyo,lowo ukholosa ngaye!

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 17