Testamente Endala

Testamente Entsha

Ujeremiya 12:4-9 Ibhayibhile (XHO96)

4. Koda kube nini uzilile umhlaba?Koda kube nini itshile ingca emadlelweni?Izilwanyana neentaka ziyafa ngenxa yenkohlakalo yabantu bakowethu.Kanti bathi: “UThixo akasazi isiphelo sethu.”

5. *UNdikhoyo wathi: “Xa ububaleka nabantu abahamba ngeenyawo, waza wadinwa, ungakhuphisana njani namahashe? Xa ukhubeka emhlabeni ophangaleleyo, uya kuthini kwiintshinyela zamatyholo aseJordan?

6. Ujikelwe ngabantakwenu nendlu kayihlo, bazimisela ukukwenzakalisa. Uze ungaze ubathembe, nokuba bathetha kamnandi nawe.

7. “Ndoyishiya indlu yam,ndisibukule isizwe esililifa lam,ndimnikele othandwe ndim ezandleni zeentshaba zakhe.

8. Ilifa lam nqwa nengonyama egquma ehlathini: liyandivukela.Kungoko ke ndilithiyile nje.

9. Ilifa lam lifana nengcuka engqingwe ngamakhozi;bizani onke amarhamncwa, eze esidlweni.

funda isahluko epheleleyo Ujeremiya 12