Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 8:19-22 Ibhayibhile (XHO96)

19. Xa benicebisa besithi yiyani kwabavumisayo, abaneshologu, nabanoonomathotholo, kutheni ukuba ningababuzi nithi: “Ngani ukuba abantu bangabuzisi kuThixo wabo? Ngani ukuba abantu babuzise kwizinyanya, bathetha-thethane nabafileyo ngenxa yâbo baphilayo?”

20. Into efunekayo kukuthobela umthetho nemfundiso kaNdikhoyo. Xa bengayenzi ke loo nto abanakamva.

21. Ke kaloku abantu baya kubhadula ezweni, bexhwalekile, belamba. Bekwelo phango ke bosuka babe lugcala-gcala, bakhangele esibhakabhakeni, bamshwabulele ukumkani wabo ngokunjalo noThixo wabo.

22. Boba ngakhangela bangaboni nto yimbi ehlabathini ngaphandle kwenkxwaleko nomnyam' ombonde-mbonde ongaphephekiyo.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 8