Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 66:2-16 Ibhayibhile (XHO96)

2. Kaloku zidalwe ndim zonke ezi zinto;zikho nje ziphuma kwezi zandla.”Ewe, utsho uNdikhoyo.“Ke yena umntu ondikholisayongulo uzithobayo nozohlwayayo –nditsho ondihlonela ngentobeko.

3. Kambe owenza intando yakhe,noba uxhel' inkomo yedini,nqwa nesibulala mntu;noba wenza umnikelo ngegusha,umatwa nowenz' idini ngenja;noba wenza umnikelo weenkozo,nqwa nobingelela ngegazi lehagu;ewe, noba undenzela isiqhumiso,ufana nonqula *umfanekiso.Izinto ezimanyumnyezi zizo azilangazelelayo.

4. Ke abenjenjalo ndiza kubazisela ishwangusha,ndibathobele ezi zinto bazoyika gqitha,kuba ndibe ngakhwaza abasabela,ndaba ngathetha bona abaphulaphula,suka benza izinto ezingamanyondololo,bakhetha ezo zinto ndingazithandiyo.”

5. Ke nina balihlonelayo ilizwi lakhe,uNdikhoyo uthethe ngolu hlobo:“Ngenxa yokunyaniseka kwenu kumabanye kumawenu banithiyile.Abasanifuni nganto;ungafika beningcikiva besithi:‘UNdikhoyo makabonakalise ubukhulu bakhe;ewe, makanisindise sibone kaloku,nathi khe sinibukele nonwabile.’Kambe ke ngabo abaza kungena ehlazweni.

6. Niyayiva loo ngxokolo esixekweni phaya,loo ngxolo ivakala endlwini kaThixo?NguNdikhoyo ngenkqu ke lowo,iintshaba zakhe uziphakela impindezelo.

7. “Suka isixeko sam safana nomfaziosuke wabeleka engekalunywa;ewe, engakhange eve nenimba le,suka yena watsho ngenkwenkwe.

8. Wakha wayiva phi ke into enjalo?Sakhe sabonwa phi isimanga esinjalo?Sisizwe saphi esivela ngamini-nye?Sizwe sini esiqingqwa ngomzuzwana nje?Ewe, akuyi kuba kudala iZiyon ilunywa,ingasivelisanga isizwe,ingambelekanga lo mntwana.

9. Njengoko indim umseki wenimba,ikwandim umbelekisi.”Lowo ke ngumlomo kaNdikhoyo.

10. Vuyisanani nigcobe neJerusalem,nonke nina basithandayo esi sixeko.Qakathani nivuyisane naso kaloku,nonke nina bebekade besililela.

11. Kaloku niza kuncanca nimfimfithe nanele;nozifikisela ngolonwabo kwindyebo yaso,nifane nosana luthuthuzelekile esifubeni sikanina.

12. Kaloku yena uNdikhoyo uthi:“Mna ndiza kunithululela inkqubela nenzoloimpompoze njengomlambo,ubutyebi bezizwe buphuphume njengentlambo.Noba njengosana luncanca lusingathiwe;ewe, niya kuthuthuzelwa ngemfobe.

13. Njengonina embambazela usana lwakhendiya kwenjenjalo ukunithuthuzela,nitsho nithuthuzeleke eJerusalem.”

14. Notsho nivuye xa isenzeka le nto;nosuka nihlume nihlaziyeke njengengca.Ngenene niya kutsho niqonde ukuba uNdikhoyo uyabanceda abamthobelayo,nokuba ingqumbo yakhe iphezu kweentshaba zakhe.

15. Nanko uNdikhoyo esiza, edangazela njengomlilo;iinqwelo zakhe zilatyuza njengesaqhwithi.Umsindo wakhe uza kwenza iziqwenga,akhalime ngamalangatye omlilo.

16. UNdikhoyo uza kugweba ngomlilo olenyayo,uluntu aluhlasele ngomkhonto wakhe;ewe, baninzi aya kubatshabalalisa.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 66