17. Ndaweni yobhedu ndokunika igolide,ndaweni yentsimbi ndikunike isiliva;esikhundleni somthi ibe lubhedu,ndikunike intsimbi endaweni yelitye.Uya kuphathwa luxolo,ulawulwe bubulungisa.
18. Ubundlobongela buya kuba yintsomi,imbubho nentshabalalo ziphele emideni yakho.Uya kubiyelwa ngosindiso,uvalwe ngendumiso.
19. Emini awusayi kukhanyiselwa lilanga;ebusuku alisayi kubakho ilitha lenyanga;koko wokhanyiselwa bubungangamsha bam;mna Ndikhoyo ndokukhanyisela ngonaphakade.
20. Awusayi kuphinda utshonelwe langa,nenyanga ayisayi kubuya iphele;uNdikhoyo wokukhanyisela nanini-nanini,ingaze ibuye ibekho imihla yesingqala.
21. Abantu bakho boba ngabalungileyo,umhlaba bawume kude kube ngunaphakade.Bona basisithole esimiliselwe ndim;ewe, bangumsebenzi wezandla zam,ukuze babhengeze udumo lwam jikelele.
22. Noyena ungathangani uya kuba njengomkhosi,kanti noyena ungazelwe nto woba sisizwe esomeleleyo.Lakufika ixesha le nto ndoyenza ngesiquphe,kuba kaloku mna ndinguNdikhoyo.”