Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 60:12-20 Ibhayibhile (XHO96)

12. Ke sona isizwe ndawonye nookumkanibonke abangakubusiyo botshabalala;baya kuvuthululwa baphele tu.

13. “Iqhayiya lamahlathi aseLebhanon loza kuwe,imithi yesipresi, umpleyini, nompayini,yoziswa kuhonjiswe ngayo indlu kaThixo,ukuze umzi wakhe undiliseke.

14. Baya kuza abo babekade bekucinezela,bafike bakhahlele babuse kuwe.Nabo bonke abebekade bekudelile baya kuwisa kuwe bekhahlela,besithi wena usisixeko sikaNdikhoyo,iZiyon kaYedwa kaSirayeli.

15. “Nangona ushiyiwe uthiyiwe,kungasekho bani udlulayo,ndiya kukwenza iqhayiya laphakade,uvuyo lwezizukulwana ngezizukulwana.

16. Izizwe nezikumkani ziya kukuququzelela,zifane nomfazi okhulisa usana lwakhe.Nawe ke uya kutsho uqonde ukuba ndim mna Ndikhoyo okusindisileyo,wazi ukuba ngenene ukhululwe yiNgangalala enguThixo kaYakobi.

17. Ndaweni yobhedu ndokunika igolide,ndaweni yentsimbi ndikunike isiliva;esikhundleni somthi ibe lubhedu,ndikunike intsimbi endaweni yelitye.Uya kuphathwa luxolo,ulawulwe bubulungisa.

18. Ubundlobongela buya kuba yintsomi,imbubho nentshabalalo ziphele emideni yakho.Uya kubiyelwa ngosindiso,uvalwe ngendumiso.

19. Emini awusayi kukhanyiselwa lilanga;ebusuku alisayi kubakho ilitha lenyanga;koko wokhanyiselwa bubungangamsha bam;mna Ndikhoyo ndokukhanyisela ngonaphakade.

20. Awusayi kuphinda utshonelwe langa,nenyanga ayisayi kubuya iphele;uNdikhoyo wokukhanyisela nanini-nanini,ingaze ibuye ibekho imihla yesingqala.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 60