Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 56:9-12 Ibhayibhile (XHO96)

9. Yizani nonke, marhamncwa, nibaqwenge,nina zinyamakazi nezilo zamahlathi.

10. Kaloku iinkokheli zabo aziboni,zizonke nje zititsekilenqwa nezinja ezimumekileyo,nditsho izinja ezingakhonkothiyo,ezibhuqa-bhuqeka zide ziphuphe,ezilangazelela ubuthongo kuphela.

11. Zifana nqwa nezinja ngokunyoluka;zizingxala ngokutya, kodwa azihluthi.Zinjalo nezi nkokheli, zivaleke mba;zonke zenza ngokuzithandela;ngulowo nalowo usemva kwenzuzo.

12. Ungaziva zisithi:“Yizani sihambe siye etywaleni;masibutye sibuphathe ngeembambo.Nangomso yiloo nto – okanye kothi kratya!”

funda isahluko epheleleyo Uisaya 56