Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 48:1-7 Ibhayibhile (XHO96)

1. *UNdikhoyo uthi:“Khanibek' iindlebe,ndlu kaYakobi;nditsho nina babizwa ngoSirayeli,nina bomnombo kaJuda,nina bafunga igama likaNdikhoyo,nina bathi banqula uThixo kaSirayeli,kodwa ngenene nisitsho nje ngomlomo!

2. Kanti kwanina niyazidla,niqhayisa ngokuthi nina ningabemi besixeko sikaNdikhoyo;nithi nina nixhomekeke kuThixo kaSirayeli,ogama linguNdikhoyo uSomandla-onke.

3. “Kudala-dala ndatsho kwangonoquku;ewe, ndazixela izinto eziza kuhla,kamva ke ndatsho suka zenzeka njengoko.

4. Kambe ke wena bendisazi ukuba uneenkani nqwa nesele,ntondini eqinis' intamo,lityendini lenyengane!

5. Kungoko ndazibhengeza kwakudala ezi zinto,izehlo ndazixela ngaphambi kokuba zenzeke,khon' ukuze wena ungabi nako ukuthi leyo yimisebenzi *yezithixo ozinqulayo.

6. Konke endakuxelayo kwenzekile.Vuma kaloku!Kanti ke ngoku ndiza kuxela into entsha,imfihlakalo eningazange nayazi.

7. Ewe, ndiyidala ngoku;into enje zange yenzeke ngaphambili.Okanye ke ngowusithi ubuyazi kakade.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 48