Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 44:19-28 Ibhayibhile (XHO96)

19. Umntu oqingqa umfanekiso aze awunqule uncitheke kangangokuba angabi nabuganga bakuthi: “Ikwangulo mthi lo ndiwubasayo ndipheke ngawo, ndize ngokunjalo ndose inyama ndiyitye. Ndingathini ukwenza kwangawo intw' enezothe, ndize ndikhahlele isikhuni somthi?”

20. Ufana nomntu otya uthuthu. Ubhanxeke mpela; ngoku uyaphuphutheka, futhi akukho buyambo. Kaloku akavumi ukuba le nto ayiphetheyo ngamampunge.

21. Utsho *uNdikhoyo ukuthi:“Zikhumbule ezi zinto kaloku, Yakobi;kaloku wena usisicaka sam, Sirayeli.Ndakudalela ukuba ube sisicaka sam;ndaye ke andisoze ndikulibale.

22. Ukundivukela kwakho ndikuphuthisile;isono sakho sithe shwaka okwenkungu.Buyela kum; ndim umkhululi wakho.”

23. Memelelani ngemihlali, mazulu;mazidume kaloku neenzonzobila.Ngqungqani nisine, nani zintaba,ningqiyaze nani, mithi yamahlathi.Kaloku uNdikhoyo uzibonakalisile;ewe, ukukhulule, wena Yakobi;utyhile amandla akhe ngawe, Sirayeli.

24. UMkhululi wakho uNdikhoyo uyathetha;yena owakubumbayo kwasesizalweni uthi:“NdinguNdikhoyo uMenzi weento zonke;ndim owawatwabululayo amazulu,ikwandim owawolulayo umhlaba;ewe, zange ndincedwe bani.

25. Mna ndizitsho zibhanxeke izanuse,ndidlale ngabo ke oosiyazi;ubuciko bezilumko ndiyabutshitshisa,butsho budule ubutyhakala bazo.

26. Ndiyaluphumelelisa udaba lwezicaka zam,ndizifezekise izihlabo zabathunywa bam.IJerusalem ndithi isaza kumiwa,iidolophu zakwaJuda zibuye zakhiwe,kuvuke izixeko kuloo mabhodlo.

27. Mna ndithetha ngezwi kuphelaneelwandle zitsho zome khonkqo.

28. Ke kuKoreshi ndithi:‘Nguwe oza kundalusela;nguwe oza kufezekisa icebo lam.Wena uya kuyalela uthi:“Mayakhiwe iJerusalem.”Malunga nendlu kaThixo uya kuthi:“Mazimiswe iziseko zayo.” ’ ”

funda isahluko epheleleyo Uisaya 44