Memelelani ngemihlali, mazulu;mazidume kaloku neenzonzobila.Ngqungqani nisine, nani zintaba,ningqiyaze nani, mithi yamahlathi.Kaloku uNdikhoyo uzibonakalisile;ewe, ukukhulule, wena Yakobi;utyhile amandla akhe ngawe, Sirayeli.