Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 43:1-13 Ibhayibhile (XHO96)

1. Ngoku ke *uNdikhoyo, umdali wakho, Yakobi, nombumbi wakho, Sirayeli, uthi:“Uze ungaxhali wena, ndikuhlawulele;ndikubize ngegama, ungowam ncakasana.

2. Noba sewucand' emanzini,mna ndiya kuba nawe;noba sowuwela imilambo,ayisoze ibe nako ukukukhukulisa;nditsho sowucand' emlilweni, soze urhawuke;amadangatye akanakukutshisa wena.

3. Kaloku mna Ndikhoyo ndinguThixo wakho,uYedwa kaSirayeli, uMhlanguli wakho.Ndinikezela ngeJiputa ukukuhlawulela;iKushe neSebha zothath' indawo yakho.

4. Kum uxabisekile ke kambe;yeka elo wonga, andikuthandi ngako!Ndincam' izizwe ngenxa yakho;ndinikezel' iintlanga, ndizuze wena.

5. Uze ungaxhali, ndinawe mna;inzala yakho ndoyiqokelela empumalanga,nina ndiniphuthume nasentshonalanga.

6. Kwelasentla ndothi: ‘Bakhulule bagoduke,’kwelasezantsi ndithi: ‘Ungabathinteli.’Oonyana bam babuyise kwelikude,neentombi zam eziphelweni zehlabathi,

7. nditsho wonke umntu obizwa ngegama lam,wonke endamdalela udumo lwam,wonke endambumbayo ndamenza.”

8. Yiza nâbo bantu bangaboniyo benamehlo,uze nâbo bangaphulaphuliyo beneendlebe.

9. Zibizeni zonke izizwe;mazihlanganisane iintlanga.*Koothixo bazo nguwuphi owayixelayo le nto yenzekayo namhlanje,wasazisa nangezinto ezenzeke mandulo?Ewe, mazize nawazo amangqina,khon' ukuze abevayo bathi: “Axel' inyaniso.”

10. “Ke nina ningamangqina am,” utsho uNdikhoyo,“izicaka zam endazinyulayo,ukuze nindazi nikholose ngam,niqonde ukuba ndinguye endinguye.Ngaphambi kwam akukhange kubekho thixo;ewe, yaye engasoze abekho.

11. Mna ndim uNdikhoyo,ndim ndedwa ohlangulayo.

12. Mna andingothixo wasemzini kuni.Kaloku ndaxela, ndahlangula, ndavakalisa.Nina ngokwenu ningamangqina am ukuba ndinguThixo,”utsho uNdikhoyo.

13. “Ewe, bendingokhoyo kwamandulo;akukho kuphuncuka esandleni sam;endikwenzayo akujikwa mntu.”

funda isahluko epheleleyo Uisaya 43