Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 28:17-29 Ibhayibhile (XHO96)

17. Umthetho ndowenza umtya wokulungelelanisa,ubulungisa bube yintambo yokundindanisa.Ubuxoki benu botshayelwa sisichotho,iimpuphuma ziyikhukulise inqaba yenu.

18. Umnqophiso wenu nokufa uya kutshitsha,nesivumelwano nelabafileyo sonqamka.Ekugalelekeni kwaso isithwakumbesona siya kunibetha sinongamele.

19. Isithwakumbe sobetha sinikhukhulise;kobe ngasa ibe siso nani.Soba ngunonca imini nobusuku.”Ukuchazwa kolu daba kuya kunirhwaqelisa.

20. Wozaliseka ke nomzekeliso othi:“Akukho kunaba – umandlalo mfutshane;kanti nengubo libhayi – ayambathisi.”

21. Kuba uNdikhoyo uya kulwa njengamhla mnene,nditsho apho kwintaba iPerazim.Koba ngathi kukwintili yaseGibhiyon;woba ufezekisa umsebenzi ongalindelekanga,ephumeza oko kuhlasimlisayo.

22. Ngoko ke, khawuthi cwaka, mgxeki,hleze akusinde amakhamandela akho;kuba sivakele kum isandi sentshabalalo,isaziso esimiselwe lonke ilizwe,siphuma kuMhlekazi uNdikhoyo onamandla onke.

23. Inzwi; yivani, maSirayeli!Khanibek' iindlebe, ndiyathetha!

24. Mlimi wuphi olim' intw' engenasiphelo?Mlimi waphi ogelesha njalo?Hayi bo! Ngunotshe lowo!

25. Yena uyalima ade agqibe;egqibile ke uhlwayela idile noba yikumin,mhlawumbi atyale noba yingqolowa;kungenjalo ke ahlwayele ihabile,zonke ke ngeendawo zazo.

26. Kanene akaqeqeshwanga na nguThixo wakhe?Ewe, uwufundisiwe lo msebenzi.

27. Obhula idile akasebenzisi sileyi,engayibhuli nanganqwelo ikumin.Hayi, idile uyibhula ngesibhulo,ikumin ayibethe ngomchiza.

28. Andithi iyasilwa na ingqolowa?Hayi kaloku, akayibhuli okokoko,engayicoli nditsho nangenqwelo,kanti ke namahashe akayigrayi.

29. Obo bulumko ke buvela *kuNdikhoyo uSomandla-onke;kaloku yena yintshatsheli ngamacebo,ngenene yena ubalasele ngobulumko.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 28