Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 18:1-5 Ibhayibhile (XHO96)

1. Kunyembelekile ke kwilizwe lesandi samaphikoemazants' emilambo eKushe.

2. Likhuph' izigidimi ngezikhitshana ezakhiwe ngeengcongolo, zidad' emlanjeni.Tsheluzani, zigidim' ezikhawulezayo;luthathen' udaba nigoduke nalo,luye kwilizwe eliphanjwe yimilambo,kwisizwe esingwanzilili esinamandla,amafaf' alusu lumpuluswa,izintw' ezoyikwa lilizwe jikelele.

3. Bekan' iindlebe, bemi behlabathi!Jongani, nikhangel' imbasailenga-lenga phezu kweencopho zeentaba;phulaphulan' isandi sesigodlo.

4. Kalok' *uNdikhoy' undixelele wathi:“Ndiya kuthi zole cwaka, ndijonge;ndoqwalasela ndisekhayeni lam ezulwini,ndizole ngathi kukuwa kombethe ebusuku,cwaka ngathi lilanga ligqats' ubhobhoyi.”

5. Iidiliya ziya kudubula zifeze,kodwa zithi ke zona zingekavunwa –ewe, kanye xa ziya ekuvuthweni –lusuke luthi vumbululu utshaba,luwahlabanisele luwageqe amaKushe,lula nje, ngathi kunqunyulw' amaseb' omdiliya.

funda isahluko epheleleyo Uisaya 18