Testamente Endala

Testamente Entsha

Uisaya 15:1-9 Ibhayibhile (XHO96)

1. Nalu udaba olundilisekileyo olumayela neMowabhi:KwelaseMowabhi yimbubho yodwa;kaloku iAri ivuthululwe ngabusuku bunye.Kunyembelekile eMowabhi phaya;kaloku iKiri itshatyalaliswe ngabusuku bunye.

2. Nango amaDibhon enyukela endaweni yawo yokunqula,esiya kuphalaza iinyembezi elila.AmaMowabhi alilela iNebho neMedibha;selede agugul' iinwele neendevu.

3. Ezitalatweni ahamba enxibe ezokuzila;phakathi kwabantu nasemakhaya sisijwili.

4. AmaHeshbhon namaElale ayabhomboloza;isikhalo sawo sivakala naseYahaza.Kubi, namajoni ngokwawo ayakhalaza;kaloku nawo ngoku angenwa yingevane.

5. Ke mna ke ndikhalela iMowabhi,kuba abantu bayo babhacel' eZoware,basabele e-Egelati-sheleshiya.Nâbo bekhwina benyuka iLuti;benz' isimbonon' ukusing' eHoronayim,benesingqala ngenxa yentshabalalo.

6. Intlanjana yeNimrim yona yome khonkqo,notyani ecaleni kwayo apho butshazile;ewe, akusekho hlaza, kome khwahla.

7. Ubuntwana-ntwana ababuqwebileyo nâbo bexhakazela bebuphethe,besiya kuwela loo ngxingwa yemipampiri.

8. Yintlokoma yesikhalo eMowabhi jikelele.Eso sililo sivakala nase-Eglayim;eso sijwili sifikelela naseBhere-elim.

9. Emlanjeni kwisixeko saseDibhon namanzi ngokwawo abomvu ligazi.Kanti ke mna Thixo ndisaza kwenza izinto zamehlo:kuza kujub' ugodo kwaseleyo amaMowabhi!

funda isahluko epheleleyo Uisaya 15